Umqombothi edit

Umqombothi,eli gama livela kulwimi lwesiXhosa, sisiselo esinxilisayo esenziwe ngombona obolisiweyo(inkoduso),umgubo kunye namanzi.Ifumaneka eMzantsi Afrika[1].Inazo nezakhamzimba.Obutywala bunobunzima bunayo nendawna emuncu.Ayibotywala bunxilisa kakhulu nje ngobamakhumsha wona '''umqombothi''' inokuba ukwimiyinge engange pesenti ezintathu.Xa uwujongile umbala mdakana awucaci kakuhle.Ujiyile ungqumbululu ubangelwa ngumbona.

umqombothi awuthengiswa nto nje ngenxa yendlala ethwaxa umzi ka phalo bazenzela ubugcwabalalana bemali ngoku buthengisa ukuze bagxothe ikati eziko.

Indlela yesiNtu yokuwenza umqombothi edit

 
ingqayi enomqombothi

Umqombothi ngokwesiNtu wenziwa ngezindlela zizakulandelayo.Indlela umqombothi owenziwa ngayo ugqithiselwa kwizizukulwana zezizukulwana.Umqombothi wenziwa ngabantu abangoomama ixesha elininzi.[2]Xa kusenziwa umabil'ebanda gabula kwaba wuthandayo, kuthathwa umbona ufakwe emanzini ude uvunde,ukhutshwe ugqunywe ngezinto ezishushu into eyileyo evekini.Uye khutshwe sele untshulile ufakwe egxoweni ukuze ubekwe phandle wome. Xa imbona sele womile uye ubizwe ukuba yinkoduso.Inkoduso iyagutywa ibengumgubo.Kuye ke kubiliswe amanzi phandle ngembiza enkulu emnyama enemilenze emithathu. Kuye kugalelwe la manzi abilileyo kumphanda othugabhu ngumili-mili ugqunywe, lo nto ibizwa ngokuba likhonkco.[3]Inkoduso iye igalelwe emphandeni igalelwe amanzi abandayo abemaninzi iyekwe. Isuku elilandelayo iye ibalisuku lokuphekwa kwezidudu.Xa kuphekwayo kuye kudityaniswe la nkoduso ibigalelwe amanzi nekhonkco kuzanyiswe.Kuye kubolekwe imbiza zesiNtu ezinkulu ukuze kuphekwe isidudu.Xa kuphekwa isidudu kukhiwa la mxube ubuwenziwe umana uyokugalelwa ezimbizeni esemlilweni.Isidudu xa sivuthiwe siye siphakwe ezityeni ezikhulu zenkcenkce nezephondo(plastiki),abantwana beyebaphakelwe kwesosidudu.Emveni koko ziye ziyekwe isuku libelinye ukwenzela ukuba ziphole.Xa zipholile zigalelwa emphandeni zicujwe kuchintswe namanzi kufafazwe inkoduso ixutywe pha nayo.Emveni koko kucikwe umphanda ngento elilaphu eshushu hayi isiciko ngoba uzakunuka iplastik.Uzakuyekwa into engangosuku lubelinywe kwenzelwa ukuba ubile.Ukuze ubonwe ukuba uyabila kuqhwitshwa umcinga womlilo ujingiswe phezulu komphanda, ukuba ucimile busezakubila ukuba awucimanga abukazukubila.Xa umqombothi ugqibile ukubila kubizwa amakhwenkwe azokuhluza utywala.Xa kuhluzwa kukhutshwa inzipho etywaleni.Intsipho ziye zinikwe iityiphu neehagu.Emveni kokuba umqombothi uhluziwe uphinda ucikwe. Umphanda lo unomqombothi ubekwa phambili kwetafile.Le yindlela yokuwenza ubenchaaa!.

 
Brooklyn Museum 1997.103.1 Ingazi Beer Storage Pot
 
Brooklyn Museum 1997.103.12 Beer Strainer

Umsebenzi womqombothi edit

umqomothi uyenziwa nje ukonwabisa izinyanya ungawenzeli sizathu.Eyona nto ibalulekileyo kukuwenza xa kukho isiko elenziwayo kulomzi.Wenziwa xa kukho amasiko afana nolwaluko,umgidi, izila, imbeleko,itheko njalo njalo.Xa wenziwe nje ngaphandle kwesiko kubizwe abantu belali bayoku zonwabisa avume iingoma amanxila engoma,Imilonji nemilonjikazi.Umqombothi wenza unxulumano kwizihlobo nabantu belali.Umqombothi udibanisa izihlobo zalo mzi nezinyanya.Nase mitshatweni yesiNtu umqombothi uye wenziwe amaxhego namaxhegwazana asele. Abafana bangoku abafani nabamandu basuke baziphakamise bangawufuni umqombothi, bazidla ngemali.

Ungafumana ne edit

UYivvone ChakaChaka wade waqamba ingoma ngobutywala.Le yayiyingoma yodumo kwiminyaka yakudala iseyiyo nangoku kuxhentsa wonke umntu yakutsho.Le ngoma yenza ukuba umqombothi waziwe nakwezinye iziphaluka zelizwekazi iAfrika. [4]


References edit